uphindo


Balwela
kubhale uBONGANI KA LUKHELE kufote uBONGANI KA LUKHELE no MUSA HLABANE
wayesilwa noAthans Nzawu waseKenya nyakenye xa wawa kwigumbi lokutshintsha impahla emva komlo.
lintsuku ezininzi ndandingazazi nokuba ndingubani na ndikwicoma , kodwa ngethamsanqa ndakwazi ukushukuma emva kokuba utyando Iwashenxisa igazi ebuchotsheni bam, ukhumbula oko uMbatha.
UMbatha ongubawo wabantwana
ababini wayekwazi ukusebenzisa imali ebeyifumana emanqindi ukuncedisa umvuzo wakhe njengonogada. Kodwa iSouth African National Boxing Control Commission yarhoxisa ilayisensi yakhe yamanqindi njengenye yeendlela zokumthintela angaphinde enzakale. Ngoku ubopha amabande ukuze aphile.
Emva kokwenzakala ndafumana i-R10 000 kubathelekisi beGolden
Gloves Tournament ne-R1 000 kwiKnock Out Promotions , utshilo uMbatha ngoku ongumncedisi womqeqeshi onamava kwanomphathi uWillie Locke kwinkampu yabo eseYeoville eJohannesburg . Ehlabela mgama uthe: Ukuba kwakwenzeke ndaqhubeka namanqindi ngendizuze ngaphezu kwaloo imali .
Okubuhlungu yimeko eyenzeka kuHope Sole .
Usachacha emva kokufa isiqaqa iintsuku ezintlanu -  uEdward Ramethape  wafa isiqaqa emva komlo wemijikelo emithandathu noReginald Martins eJohannesburg ebutsheni balo nyaka.
Ephosa inqindi elinzima entloko -intshatsheli yelBF Featherweight uLehlohonolo Ledwaba uthi iinkampani zeinshorensi athethe nazo zalile ukumamkela kuba zisithi amanqindi ngumdlalo oyingozi.
TOUCHLINE
BONA XHOSA -  March 2000 39


UBOMI BABO
Xa isithonga inokuba sesokugqibela - ukulaliswa ngophotho okuyingozi - kutheni iimbethi-manqindi zethu, abathelekisi kwikhomishini yamanqindi bewuphepha umba wenshorensi ?
